2 Samuel 15:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati kanjalo u‐Abasalome: Akwaba ndamiswa umgwebi elizweni, ukuba eze kum umntu osukuba enempikiso nesimangalo, ukuze ndimlungise!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
athi uAbhisalom, Andaba bendimisiwe ndaba ngumgwebi ezweni apha, beze kum bonke abantu abanendawo ekubanjwene ngayo;ngendibalungisa!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAbhisalom, Ukuba bendithe ndaba ngumgwebi kweli lizwe, beza kum bonke abantu abanendawo kubo, nokuba kubanjwene, bendiya kumgweba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayeqhubeka athi uAbhasalom: “Akwaba ibindim umntu ochophela amatyala kweli lizwe! Bebeya kuza kum bonke nezimangalo zabo, ndibagwebele kakuhle.”