2 Samuel 15:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba isicaka sako besibambisa ngesibambiso, ndakuhlala e‐Geshure e‐Siriya, sisiti: Ukuba uyehova uya kundibuyisela e‐Yerusaleme ngenyaniso, ndiya kwandula ndimkonze uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngokuba umkhonzi wakho wabhambathisa ngesibhambathiso ekuhlaleni kwakhe eGeshuri kwa-Aram, esithi, Ukuba uYehova uthe wandibuyisela ngenene eYerusalem, ndomkhonza uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba wenza isifungo somkhonzi wakho ngoxa ndandisahlala eGeshuri ezweni lakwa-Aram, ndathi, ‘Ukuba uYehova angandibuyisela ngokulungileyo eYerusalem, ndiya kukhonza uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku ndandenze isifungo ngokuya ndandisahlala eGeshuri kwelama-Aram, ndathi uNdikhoyo ndiya kumenzela idini xa andibuyisele ekhaya eJerusalem.”