2 Samuel 16:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko ukumkani wati: Ndiyinto nina kuni, bonyana baka‐Tseruya? makaqalekise bo, ngokuba uyehova ete kuye: Mqalekise u‐Davide; ngubanina ke oya kuti: Yinina ukuba wenje njalo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani, Yintoni na enam nani, nina nyana bakaTseruya? Myeke atshabhise; xa uYehova athe kuye, Mtshabhise uDavide, ngubani na oya kuthi, Yini na ukuba wenjenjalo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Yintoni na ingxaki yam kuni, nyana bakaZeruya? makatshabhise, ngokuba uYehova wathi kuye, Mtshabhise uDavide! Ngoko ke ngubani oya kuthi: Kutheni le nto uyenzileyo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wathi: “Ayifuni nina le nto, bonyana bakaZeruya. Ukuba undithuka ngokuthunywa nguNdikhoyo, ngubani onegunya lokuthi kuye: ‘Uyenzela ntoni le nto?’ ”