2 Samuel 16:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wati ku‐Abishai nakuzo zonke izicaka zake: Bona ke, unyana wam owapuma ematunjini am, uyafuna ubomi bam; kwoba kangakananina ngakumbi kaloku enje njalo lom‐Benjamine? myekeni, makaqalekise; ngokuba uyehova emxelele:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kuAbhishayi nakubakhonzi bakhe bonke, Niyabona, unyana wam ophume ezibilinini zam ungxamele umphefumlo wam; angabeka phi na ke ngoku lo mBhenjamin? Myekeni atshabhise; ngokuba utshilo kuye uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kuAbhishayi nakubakhonzi bakhe bonke, Niyabona, unyana wam owaphuma esizalweni sam ungxamele umphefumlo wam; Unokwenza malini ngoku uBenjamin? makame, aqalekise; ngokuba uYehova ebemwisele umthetho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uqhube wathi uDavide, ebhekisa kuAbhishayi nakumaphakathi akhe onke: “Ingunyana wam ozelwe ndim nje lo ufuna ukundibulala, nothuswa yintoni kule nto yenziwa ngulo mBhenjamin? NguNdikhoyo othe makandithuke; myekeni ke andithuke.