2 Samuel 16:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wati ku‐Tsiba: Uti nina ngezizinto? Wayesiti u‐Tsiba: Amaqwaṙashe ngawabendlu yokumkani kukwelwe; izonka neziqa̔mo zehlobo zezokuba amadodana adle; neveyine yeyokuba abadiniweyo entlango basele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani kuTsibha, Uthini na ngezi zinto? Wathi uTsibha, Amaesile ngawokukhwela abendlu yokumkani, izonka neziqhamo zasehlotyeni zezokudliwa ngamadodana; iwayini yeyokuba basele abatyhafileyo entlango.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuTsibha, Uthini na ngaloo nto? Wathi uTsibha, Iimazi zamaesile zikulungele ukukhwela endlwini yokumkani; nesonka neziqhamo zasehlotyeni zamadodana; newayini, ukuze basele abatyhafileyo entlango.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wambuza uZibha wathi: “Wenza ntoni ngezi zinto?” Lithe elikaZibha: “Ezi donki ndizizise ukuze usapho lukakumkani lukhwele kuzo. Izonka kunye neziqhamo ndiziphathele amadoda kakumkani ukuze azixhase ngazo, athobe nangewayini xa aziva ephelelwe entlango.”