2 Samuel 16:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Ahitofele wati ku‐Abasalome: Ngena kuwo amashweshwe kayihlo, awashiyileyo ukulinda indlu; baye o‐Sirayeli bonke beya kuva ukuba unukele uyihlo; kwa njalo ziya kwomelela izandla zabo bonke abanawe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uAhitofele kuAbhisalom, Ngena kumashweshwe kayihlo, awashiyileyo ukuba agcine indlu, eve onke amaSirayeli ukuba uzinukisile kuyihlo, zomelele izandla zabo bonke abanawe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAhitofele kuAbhisalom, Ngena ezithendeni zikayihlo, abezishiyile ukuba zigcine indlu; eve onke amaSirayeli ukuba umthiyile uyihlo; zandule ke zomelele izandla zabo bonke abanawe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAhitofele wathi kuAbhasalom: “Yiya kungena kumaqadi kayihlo, lawa awagcinise ibhotwe. Ngaloo ndlela indlu yonke kaSirayeli iya kuqonda ukuba uzinukisile kuyihlo, babe nesibindi ke ngoko abakulandelayo.”