2 Samuel 16:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti ukumkani: Upina kodwa unyana wenkosi yako? Waza u‐Tsiba wati kukumkani: Bona ke, uhleli e‐Yerusaleme; ngokuba ebesiti: Namhla indlu ka‐Sirayeli iya kubuyisela kum ubukumkani bobawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani, Uphi na unyana wenkosi yakho? Wathi uTsibha kukumkani, Nankuya, ehleli eYerusalem; ngokuba uthi, Namhla indlu yakwaSirayeli iya kububuyisela kum ubukumkani bukabawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani, Uphi na unyana wenkosi yakho? Wathi uTsibha kukumkani, Yabona, uhlala eYerusalem, ngokuba usithi, Namhla indlu kaSirayeli iya kububuyisela kum ubukumkani bukabawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uqhube wathi ukumkani: “Uphi uMefibhoshete, umzukulwana kaSawule, inkosi yakho?” UZibha wathi: “Usele eJerusalem. Kaloku uthi: ‘Namhlanje indlu kaSirayeli iza kububuyisela kum ubukhosi bukabawo-mkhulu uSawule.’ ”