2 Samuel 16:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani wati ku‐Tsiba: Bona ke, konke okukokuka‐Mefiboshete kukokwako. Wayesiti u‐Tsiba: Ndiyatoba pantsi; mandifumane ufefe emehlweni ako, nkosi yam, kumkani!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani kuTsibha, Nanko, kukokwakho konke okukaMefibhoshete. Wathi uTsibha, Ndiyaqubuda; mandibabalwe nguwe, nkosi yam kumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani kuTsibha, Uyabona, zonke izinto ezikuMefibhoshete zezakho. Wathi uTsiba, Ndiya kuthandaza ngokuzithoba, ukuba ndibabalwe nguwe, nkosi yam, nkosi yam!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqokela wathi ukumkani kuZibha: “Iza kuba yeyakho yonke into ebikade iyeyikaMefibhoshete.” UZibha wathi: “Ndohlala ndisisicaka sakho, mhlekazi; bendinga ndingasoloko ndisenzelwa inceba nguwe.”