2 Samuel 16:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Abishai unyana ka‐Tseruya wati kukumkani: Yinina ukuba lenja efileyo iqalekise inkosi yam ukumkani? mandidlule ke, ndiye ndisuse intloko yake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uAbhishayi unyana kaTseruya kukumkani, Kungani na ukuba le nja ifileyo iyitshabhise inkosi yam ukumkani? Makhe ndiwele, ndiyinqumle intloko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke uAbhishayi unyana kaTseruya kukumkani, Yini na ukuba le nja ifileyo itshabhise ukumkani wam? mandihambe ndimnqumle intloko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwavela uAbhishayi owayezalwa nguZeruya, wathi kukumkani: “Mhlekazi, uyamyeka lo mfi wenja akuthuke wena kumkani? Ndiyeke mna ndiye kumnqumla intloko.”