2 Samuel 17:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
andule kwa lowo oyindoda yobuṙoti, ontliziyo injengentliziyo yengonyama, agqibele ukunyibilika; ngokuba bonke o‐Sirayeli besazi ukuba uyihlo uligoṙa, nokuba bangamadoda obuṙoti abo banaye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
athi nomfo onobukroti, ontliziyo injengentliziyo yengonyama, anyibilike kuphele. Ngokuba onke amaSirayeli ayazi ukuba uyihlo ligorha, abo banaye ngamakroti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye kwanendoda eligorha entliziyo injengentliziyo yengonyama, iya kutshata ngokupheleleyo; ngenxa yokuba wonke uSirayeli uyazi ukuba uyihlo ligorha, yaye abo bakunye naye ngamadoda anamandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndithi nawona madoda aziingonyama ukukhalipha aya kunkwantya, kuba kwaSirayeli uyihlo udume ngokulwa, yaye nomkhosi wakhe ngamagorha.