2 Samuel 17:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako ndiyanika icebo lokuba bonke o‐Sirayeli babutelwe kuwe kamsinyane, bevela e‐Dane nakude kube se‐Beresheba, njengentlabati engaselwandle ngobuninzi, nokuba uye isiqu sako ekulweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndithi elam icebo, makahlanganiswe, ahlanganiselwe kuwe, onke amaSirayeli, athabathele kwaDan ese eBher-sheba, abe njengentlabathi engaselwandle ubuninzi, uye emfazweni ngesiqu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke ndicebisa ukuba onke amaSirayeli ahlanganisene kuwe, ethabathela kwaDan esa eBher-shebha, abe yintabalala yentlabathi yam nonxweme lolwandle; nokuba uhambe wedwa edabini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mna ke ndicebisa ukuba uwaqokelele onke amaSirayeli kulo lonke eli, ukususela kwaDan kuye kutsho eBheshebha, abe maninzi ngokungathi yintlabathi yaselwandle, uze uwakhokele wena ngenkqu ukuya edabini.