2 Samuel 17:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Siya kwandul’ ukuza kuye kwenye yezondawo apo aya kufunyanwa kona, si we pezu kwake njengokuba umbete usiwa pezu kwomhlaba: kwaye kungayi kusala mntu kuye nakuwo onke amadoda anaye noko amnye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sofika ke kuye endaweni, apho afumaneke khona, sithi qatha phezu kwakhe, njengokulala kombethe emhlabeni, kungasali namnye kuye nakumadoda onke anaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Somkhawulela ke kuloo ndawo aya kufunyanwa kuyo, siwe phezu kwakhe, njengokuwa kombethe emhlabeni; akusayi kusala yena nakumadoda onke anaye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide yena somfuna apho azimele khona, simhlasele okombethe olele kwiindawo zonke, kungasindi namnye kuye nakuloo madoda onke anaye.