2 Samuel 17:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako ukuba wamkelwe esixekweni, sebeya kuti o‐Sirayeli bonke bafake esosixeko intambo, ukuze sisir̔olele emlanjeni, kude kungafunyanwa kona nalinye ilityana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba uthe warholela emzini, onke amaSirayeli ozisa izintya kuloo mzi, siwukrwiqilizele emlanjeneni, kude kungafumaneki nelityana khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko, ukuba ithe yahlala esixekweni, onke amaSirayeli ozisa iintsontelo kweso sixeko, size sibarhuqele emlanjeni de kungafumaneki nalinye ilitye elincinane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uya kuba ngaya dolophini ithile, sifike nalapho singamaSirayeli, sithandele ngeentambo, sizitsale ezo ndonga zidilike, ziye kuthi didli ezantsi entilini, kude kungabikho nalinye ilitye apho.”