2 Samuel 17:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Abasalome, nawo onke amadoda akwa‐Sirayeli: Icebo lika‐Hushai um‐Areki lilungile pezu kwecebo lika‐Ahitofele. Ngokuba uyehova ebemisele icebo elilungileyo lika‐Ahitofele ukuba litshitshiswe, ukuze uyehova azise pezu kwo‐Abasalome ilishwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uAbhisalom namadoda onke akwaSirayeli, Icebo likaHushayi umArki lilungile kunecebo lika-Ahitofele. UYehova wayemise ukuba litshitshiswe icebo elilungileyo lika-Ahitofele, ukuze uYehova amzisele ububi uAbhisalom.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke uAbhisalom namadoda onke akwaSirayeli, Icebo likaHushayi umAram lilungile kunecebo lika-Ahitofele. Kuba uYehova wayezimisele ukutshabalalisa icebo elilungileyo lika-Ahitofele, ngenjongo yokuba uYehova amzisele intlekele uAbhisalom.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbhasalom namadoda onke akwaSirayeli bathi: “Icebo likaHushayi umArki lelona lilungileyo kunelika-Ahitofele.” Yayisisigqibo *sikaNdikhoyo kakade ukuba maliphanze icebo lika-Ahitofele, khon' ukuze aze kuhlelwa lishwangusha uAbhasalom.