2 Samuel 17:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngako kaloku tumani ngokunxama, nishumayele ku‐Davide, ukuti: Ungalalisi ngobubusuku ematafeni entlango; nokuti: Kauleza ukuwela; hleze ukumkani acitwe, nabantu bonke abanaye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Thumelani ke ngoko kamsinya, nimxelele uDavide, nithi, Musa ukulala ngobu busuku emazibukweni entlango; khawuleza uwele, hleze aginywe ukumkani nabantu bonke anabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Thumelani ke kamsinya, nixelele uDavide, nithi, Musa ukulalisa enkqantosini; hleze adle ukumkani nabantu bonke abanaye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uqhube wathi: “Ke ngoko khawulezani nithumele kuDavide, nithi kuye: ‘Uze ungahlali phaya ngakumazibuko asentlango ngobu busuku. Welela ngaphesheya kweJordan, hleze ukumkani nabantu bonke abanaye bacinywe.’ ”