2 Samuel 17:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa umfana wababona, wamxelela u‐Abasalome: basuka baya bobabini ngokunxama, beza endlwini yendoda e‐Bahurime, ebinequla ebaleni layo; baye behlela kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umfana wababona, waxelela uAbhisalom. Bobabini ke basaba ngokukhawuleza, bafika endlwini yendoda eBhahurim ebinequla entendelezweni yayo, behla, behlela khona apho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umfana wababona, waxelela uAbhisalom; Bakhawuleza bobabini, bafika eBhahurim endlwini yendoda enequla eyadini yayo; apho bawela khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa babhaqwa yinkwenkwana eyaya kuxelela uAbhasalom. Bakhawuleza ke bemka kuloo ndawo, baya kuzimela mzini wasemathileni eBhawurim. Kwakukho iqula ngakuloo mzi, baza ke baya kuhlala ngaphakathi kwalo.