2 Samuel 17:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula umfazi watabata isigubungelo, wasandlala pezu kwomlomo wequla, wayaneka inqolowa enqushiweyo pezu kwaso; kwaza akwaziwa lonto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Intokazi yathabatha isigqubuthelo, yasitwabulula emlonyeni wequla elo, yaneka phezu kwaso irhasi engqushiweyo; ayaziwa ke loo nto.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yasithabatha inkazana isigqubuthelo, yasitwabulula phezu komnyango wequla, yasitwabulula ingqolowa egcadiweyo; ityala lalingaziwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Inkosikazi yalapho yathatha into, yaligquma ngayo, yaneka imbewu ngaphezulu, ukuze kungabikho bani urhanela nto.