2 Samuel 17:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute emveni kwokumka kwazo, bandula benyuka equleni, baya bamxelela ukumkani u‐Davide, bati ku‐Davide: Sukani, niwele amanzi ngokunxama: ngokuba kunje nje u‐Ahitofele anikile icebo ngakuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi emva kokumka kwabo, baphuma equleni, baya bamxelela ukumkani uDavide; bathi kuDavide, Sukani niwele kamsinya emanzini; ngokuba wenjenje uAhitofele ukubapha icebo ngani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Banduluka, benyuka baya equleni, bamxelela ukumkani uDavide, bathi kuDavide, Khawuyeke, ukha amanzi kamsinya; ngokuba uAhitofele ucebe icebo ngani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuba emkile loo madoda, baphuma kwelo qula ooAhimazi noJonatan, basa udaba ababeluthunyiwe kuDavide. Bamxelela ngeyelenqe lika-Ahitofele, batsho besithi: “Phakama ukhawuleze uwelele ngaphesheya komlambo.”