2 Samuel 17:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku akubona u‐Ahitofele ukuba icebo lake belingenzwanga, wabopa iqwaṙashe, wesuka, waya endlwini yake, esixekweni sake, wayolela indlu yake, wazixo̔ma; waza wafa, wancw̔atywa encw̔abeni loyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ebonile uAhitofele ukuba akwenziwanga ngelakhe icebo, wabopha iesile, wesuka, wagoduka, waya emzini wakhe, wayolela, wazikrwitsha wafa; wangcwatyelwa engcwabeni likayise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe uAhitofele akubona ukuba icebo lakhe alilandelwa, wabopha idonki yakhe, wesuka waya endlwini yakhe, esixekweni sakowabo, wayilungisa indlu yakhe, wazixhoma, wafa, wangcwatyelwa engcwabeni likayise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe akubona uAhitofele ukuba iqhinga lakhe alisiwanga so, suka wakhwela idonki yakowabo, wagoduka esinga kweyakubo idolophu. Uthe nje ukuba agqibe ukulungisa imicimbi yakhe, waya wazixhoma wafa. Ungcwatyelwe apho kumangcwaba ooyise-mkhulu.