2 Samuel 17:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wahambisa u‐Hushai wati: Wena uyamazi uyihlo namadoda ake, ukuba bangamagoṙa, nabampefumlo uṙaṙa, njengebere ehlutiweyo amatole ayo ngasendle; kanjako uyihlo uyindoda yokulwa, akayi kulalisa nabantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uHushayi, Wena uyamazi uyihlo namadoda akhe, ukuba ngamagorha amphefumlo ulugcalagcala, njengebhere ehluthwe amathole ayo ezindle; uyihlo yindoda eqhele ukulwa, akalali ebantwini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uHusayi, Uyamazi uyihlo namadoda akhe, ukuba bakhohlakele, batyumkile intliziyo, njengebhere ewahlutha amathole ayo endle; kwaye uyihlo yindoda yemfazwe, akafuni kulala nabantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wazi kakuhle ukuba uyihlo uDavide neqela lakhe ngamadoda aqhele ukulwa, yaye bayakhwankqisa, ngathi yimazi yebhere inxakamela amathole ayo. Uwaqhelile amadabi uyihlo, ngoko ke akahlali ndawonye nomkhosi wakhe ebusuku.