2 Samuel 17:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, ngoku uzimele kwomnye weminxuma, umhlaumbi kwenye yezondawo: kwaye kuya kuti, nxa kuviwa pakati kwabo ekuqaleni, osukuba esiva woti: Kuko isibulalo pakati kwabantu abamlandelayo u‐Abasalome;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, kungokunje uzimele emgongxweni, nokuba kukwenye indawo. Kothi ke, xa athe wabawela ekuqaleni, eve ovayo, athi, Kukho uxabelo ebantwini abamlandelayo uAbhisalom;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabona, uzimele komnye umngxuma, nokuba kukwenye indawo; kothi ke, xa bathe bafika kuqala, bonke abavileyo bathi, Kukho ukubulawa kwabantu abamlandelayo uAbhisalom.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku ndithethayo ngahle uzimele mqolombeni uthile, okanye uthe nca ndaweni ithile. Ukuba yena uthe waba ngowokuqala ukuhlasela amadoda akho, abakuvayo oko baya kusuka bathi: ‘Axheliwe amadoda ka-Abhasalom.’