2 Samuel 18:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Jowabi kuyo indoda ebimxelele: Bona ke, ubonile nje, kuyinina ukuba ubungambeti kona ngasemhlabeni! ndandinge ndikunikile ishumi leshekele zesilivere noqwemesha lunye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYowabhi kuloo ndoda imxeleleyo, Khangela, umbonile nje, ibiyini na ukuba ungambethi awe khona emhlabeni?Ngendikunike ishumi lesilivere nombhinqo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYowabhi kuloo ndoda imxeleleyo, Khangela, umbonile nje, ibiyini na ukuba ungambethi khona? Bendiya kukunika iishekele ezilishumi zesilivere nebhanti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe uJowabhi kuloo ndoda: “Xa umbonileyo kutheni ukuze ungambulali kwangoko nje? Mna bendiya kukuhlawula ngeshumi leesiliva, ndikuthi jize ngomxhaka ngaphezu koko.”