2 Samuel 18:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza asondela amadodana alishumi, abatwali bezixo̔bo zika‐Jowabi, ambeta u‐Abasalome, amfisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amrhawula amadodana alishumi angabaphathi bempahla kaYowabhi, atsho kuAbhisalom, ambulala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamrhawula abafana abalishumi abanxibe izixhobo zikaYowabhi, baxabela uAbhisalom, bambulala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko kwafika ishumi lamadoda omkhosi kaJowabhi, amjikeleza uAbhasalom, amhlaba amgqibezela.