2 Samuel 18:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bamtabata u‐Abasalome, bamposa ehlatini emnxunyeni omkulu, bamisa pezu kwake imfumba yamatye enkulu kakulu: asuka onke ama‐Sirayeli esaba aya amanye ngamanye ezintenteni zawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bamthabatha uAbhisalom, bamphosa ehlathini emgongxweni omkhulu, bafumba imfumba enkulu kakhulu yamatye phezu kwakhe.Asaba onke amaSirayeli, elowo waya ententeni yakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamthabatha uAbhisalom, bamphosa emngxunyeni omkhulu wehlathi, babeka phezu kwakhe imfumba enkulu kakhulu yamatye; asaba onke amaSirayeli, aya elowo ententeni yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Awuthatha umzimba ka-Abhasalom, awuphosa emngxunyeni omkhulu owawulapho ehlathini, awugqumelela ngemfumba enkulu yamatye. Abaleka onke amaSirayeli, yayileyo indoda yajonga kowayo.