2 Samuel 18:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati u‐Himahatse unyana ka‐Tsadoki: Makendigidime, ndishumayele kukumkani indaba zokuba uyehova umkulule esandleni sentshaba zake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uAhimahatse, unyana kaTsadoki, Mandigidime, ndimshumayeze ukumkani iindaba ezilungileyo zokuba uYehova umgwebele, wamkhulula ezandleni zeentshaba zakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAkimaya, unyana kaTsadoki, Mandigidime, ndimxelele ukumkani, ukuba uYehova umgwebele, umgwebele ezintshabeni zakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko uAhimazi, unyana kaZadoki, wathi kuJowabhi: “Mandikhawuleze ndise kukumkani iindaba zovuyo zokuba *uNdikhoyo umgwebele wamkhulula kwiintshaba zakhe.”