2 Samuel 18:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide watuma abantu, esinye isiqingata sesitatu ngapantsi kwesandla sika‐Jowabi, nesinye isiqingata sesitatu ngapantsi kwesandla sika‐Abishai, unyana ka‐Tseruya, umninawe ka‐Jowabi, nesinye isiqingata sesitatu ngapantsi kwesandla sika‐Yitai um‐Gate. Wayesiti ukumkani ebantwini: Ndiya kupuma nani ngenyaniso nam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wasinikela isahlulo sesithathu sabantu esandleni sikaYowabhi, nesahlulo sesithathu esandleni sika-Abhishayi unyana kaTseruya, umninawa kaYowabhi, nesahlulo sesithathu esandleni sikaItayi waseGati. Wathi ukumkani ebantwini, Nam ndiya kuphuma, ndiphume nani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wasithumela isahlulo sesithathu sabantu esandleni sikaYowabhi, nesahlulo sesithathu esandleni sika-Abhishayi unyana kaTseruya, umzalwana kaYowabhi, nesahlulo sesithathu esandleni sikaItayi waseGati. Wathi ukumkani ebantwini, Ndophuma nani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko umkhosi uwahlule waba ngamaqela amathathu, elinye liphethwe nguJowabhi, elinye nguAbhishayi umntakwabo-Jowabhi, elinye liphethwe nguItayi waseGati. Ke uDavide wathi kumkhosi wakhe: “Nam ngenkqu ndiza kuphuma kunye nani.”