2 Samuel 18:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko u‐Jowabi wati kuye: Akuyi kuba ngumshumayeli wendaba namhla nje, kodwa uya kushumayela indaba ngomhla wumbi; kodwa namhla nje akuyi kushumayela indaba, ngenxa yokuba unyana wokumkani efile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYowabhi kuye, Akunguye mfo weendaba ezilungileyo namhla; woshumayela iindaba ezilungileyo ngenye imini, kodwa namhla akusayi kushumayela zindaba zilungileyo, ngokuba unyana wokumkani ufile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYowabhi kuye, Akuyi kuzisa nto namhla, wozisa lizwi ngenye imini; ke namhla aniyi kuzizisa iindaba ezilungileyo, ngokuba unyana wokumkani ufile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJowabhi wathi kuye: “Hayi, akukho zindaba zovuyo uya kuzisa kukumkani namhlanje. Loo nto uya kuyenza ngenye imini. Kaloku unyana kakumkani ufile.”