2 Samuel 18:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wapinda kanjako u‐Himahatse unyana ka‐Tsadoki wati ku‐Jowabi: Kodwa noko, makendigidime nam emva kwo‐Kushi. Wayesiti u‐Jowabi: Kunganina ukuba ugidime wena, nyana wam! ungenandaba ezikolekileyo nje?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya waphinda uAhimahatse, unyana kaTsadoki, wathi kuYowabhi, Nokuba kutheni, makhe ndimlandele nam uKushi. Wathi uYowabhi, Yini na ukuba ugidime, nyana wam, ungenazindaba zilungileyo zinanzuzo nje?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uAhimaya, unyana kaTsadoki, kuYowabhi, Mandibaleke nam, ndibaleke ndiye kuKushi. Wathi uYowabhi, Uyabaleka, nyana wam, ubungekazithethi ezi ndaba?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAhimazi unyana kaZadoki waphinda wathi kuJowabhi: “Kungehla okuhlayo, ndiyeke ndingene endleleni emva kwaloo mKushe.” “Kutheni wafuna ukuya ngokwakho kukumkani? Akukho mvuzo aza kukunika wona phofu,” utshilo uJowabhi.