2 Samuel 18:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Davide wahlala pakati kwamasango amabini; wati umlindi wahamba pezu kwesifulelwa sesango, pezu kwodonga, wapakamisa amehlo ake, wakangela; kekaloku nantsiya indoda igidima iyodwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uDavide ebehleli phakathi kwamasango amabini. Umlindi waya emphezulwini wesango eludongeni, waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nanko kusiza indoda, ibaleka iyodwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wahlala phantsi phakathi kwamasango omabini, umlindi wenyuka waya eluphahleni lwesango eludongeni, waphakamisa amehlo akhe, nanko indoda ibaleka iyodwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wayehleli kwindawo ephakathi kwamasango angaphakathi nawangaphandle kwesixeko. Kwesuka umlindi waya kukhwela phezu kodonga lwesixeko, wema ngapha kophahla lwesango, wondela, wabona kukho indoda ehamba yodwa, ibaleka.