2 Samuel 18:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wabiza umlindi, wamxelela ukumkani. Wayesiti ukumkani: Ukuba iyodwa, kuko indaba emlonyeni wayo. Yakaulezisa ukuhamba ke, yasondela.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamemeza umlindi, waxelela ukumkani. Wathi ukumkani, Ukuba iyodwa, ineendaba ezilungileyo emlonyeni wayo. Yeza isiza yasondela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bamemeza ke abalindi, baxelela ukumkani. Wathi uYehova, Xa iyodwa, inelizwi emlonyeni wayo. Weza ngokukhawuleza, wasondela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wabhekisa ngezantsi kukumkani, wamxelela, waza ukumkani wathi: “Xa ehamba yedwa uzisa iindaba zovuyo.” Eso sigidimi saya sisondela ngokusondela.