2 Samuel 18:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wabiza u‐Himahatse, wati kukumkani: Luxolo! Watoba ngobuso bake ngasemhlabeni pambi kwokumkani, wati: Makabongwe uyehova, utixo wako, owanikeleyo amadoda abepakamisa isandla sawo ngakuyo inkosi yam ukumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamemeza uAhimahatse, wathi kukumkani, Hlala kakuhle.Waqubuda ngobuso emhlabeni kukumkani, wathi, Makabongwe uYehova uThixo wakho, owanikeleyo amadoda asiphakamisileyo isandla sawo enkosini yam ukumkani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wamemeza uAkimaya, wathi kukumkani, Konke kulungile; Wawa ngobuso phambi kokumkani, wathi, Makabongwe uYehova uThixo wakho, owabasindisayo abo baziphakamiselayo izandla zabo kukumkani, nkosi yam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAhimazi wabhekisa kukumkani wathi: “Izinto zihamba kakuhle!” Wafika wakhahlela ejongise ubuso emhlabeni, wathi, “Mbonge uNdikhoyo uThixo wakho! Uboyisile abo bebeyivukela inkosi yam ukumkani!”