2 Samuel 18:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani wati: Ipilile na indodana u‐Abasalome? Wati u‐Himahatse: Kendabona impitimpiti enkulu, nxa u‐Jowabi abetuma isicaka sokumkani, na m isicaka sako, kodwa bendingayazi iyinto nina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani, Ihleli kakuhle na indodana uAbhisalom?Wathi uAhimahatse, Ndibone ingxokolo enkulu, ekumthumeni kukaYowabhi umkhonzi kakumkani, nomkhonzi wakho lo, ndingazi ukuba yintoni na.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova, Usaphilile na umfana, uAbhisalom? Wathi uAhimaha, ekumthumeni kukaYowabhi umkhonzi wokumkani, mna ndingumkhonzi wakho, ndabona ingxokolo enkulu, ndingazi ukuba yintoni na.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wathi: “Ngaba usindile umfana uAbhasalom?” Uphendule wathi uAhimazi: “Mhlekazi, ngokuya bendithunywa nguJowabhi iphakathi lakho, ndibone kukho isiphithi-phithi, phofu andingetsho ukuba bekutheni na.”