2 Samuel 18:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko abantu bati: Akuyi kupuma; ngokuba nxa sika sibaleke, abayi kubekela tina intliziyo; nanxa esinye isiqingata sabetu sibubayo, abayi kubekela tina intliziyo; kodwa ngoku u njengamawaka alishumi abakuti; ngako kaloku kulungile ukuba ube usinceda usesixekweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi abantu, Uze ungaphumi; ngokuba xa sithe sasaba, sisabile, abayi kusibekela ntliziyo thina; nokuba kuthe kwafa isiqingatha kuthi, abayi kusibekela ntliziyo; ngokuba ungangamawaka alishumi kuthi; kulungile kanye ukuba usincede, ukuwo umzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baphendula abantu bathi, Aninako ukumka; ngokuba, xa sithe sasaba, abayi kusigcina; xa sithe safa isiqingatha sethu, ziya kusigcina; kodwa ngoku, nilingana neshumi lamawaka kuthi; ngoko ke, kungcono ukuba usincede siwushiye umzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amadoda omkhosi athi: “Hayi, mhlekazi, mus' ukuya edabini. Akungebi lutho xa utshaba luswantsulisa thina, nokuba kungade kuwe isiqingatha sethu, kodwa ubukho bakho bufana neshumi lamawaka amadoda. Kuhle ke ukuba usale apha esixekweni, uze ukwazi ukusithumela amancedo.”