2 Samuel 18:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wada wafika, bona ke, u‐Kushi; wayesiti u‐Kushi: Maishunyayezwe inkosi yam ukumkani, okokuba uyehova ukukulule namhla esandleni sabo bonke ababesukela ngakuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nanko ke uKushi efika. Wathi uKushi, Mayishunyayezwe iindaba ezilungileyo inkosi yam ukumkani; ngokuba uYehova ukugwebele namhla, wakukhulula esandleni sabo bonke ababesukele phezulu kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nanko kufika uKusi; Wathi uKusi, Yitsho kukumkani, nkosi yam, ngokuba uYehova uthethe namhla kubo bonke abo bakuphakamisela isandla sakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku wafika umKushe, wathi kukumkani: “Ndize neendaba zovuyo, mhlekazi, nkosi yam! Namhlanje uNdikhoyo ukugwebele waboyisa bonke abo bebekuvukela.”