2 Samuel 18:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani wabetwa lusizi, wenyuka waya enkambilini epezulu kwesango, walila; wayesitsho ekuyeni kwake ukuti: Nyana wam Abasalome, nyana wam, nyana wam Abasalome! akwaba ndabendifile esikundleni sako, Abasalome, nyana wam, nyana wam!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wagungqa ukumkani; wenyuka waya egumbini eliphezu kwesango, walila, wathetha ekuyeni kwakhe, esithi, Nyana wam, Abhisalom, nyana wam, nyana wam, Abhisalom! Akwaba bekufe mna esikhundleni sakho, Abhisalom, nyana wam, nyana wam!
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waba buhlungu kakhulu ukumkani wenyuka waya egumbini eliphambi kwesango, walila; wahamba, wathi, Nyana wam, Abhisalom, nyana wam, nyana wam, Abhisalom! Akwaba bendinokufela wena, Abhisalom, nyana wam, nyana wam!
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani waba nengevane, wenyuka waya kwigumbi eliphezu kwesango, wafika walila. Wayehamba elila, esithi: “Yini umntwana wam! Awu, nyana wam Abhasalom, nyana wam Abhasalom! Akwaba ibindim ofileyo, Abhasalom, nyana wam, nyana wam!”