2 Samuel 18:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula ukumkani wati kubo: Oko kulungileyo emehlweni enu ndiya kukwenza. Wasuka ukumkani wema ngasecaleni lesango, bati bonke abantu bapuma ngamakulu nangamawaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani kubo, Okulungileyo emehlweni enu ndokwenza.Ukumkani wema ecaleni lesango, abantu bonke baphuma ngamakhulu nangamawaka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani kubo, Ndiya kwenza ngokuthanda kwenu. Ukumkani wema esangweni, yaye bonke abantu baphuma ngamakhulu namawaka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wathi kubo: “Kulungile ke, mandenze loo nto ikholekileyo kuni.” Wema ngasesangweni, ewajongile ukunduluka kwawo, ephuma engamaqela amajoni alikhulu naliwaka.