2 Samuel 18:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wayalela u‐Jowabi, no‐Abishai, no‐Yitai, ngokuti: Patani kakuhle indodana leyo, u‐Abasalome, ngenxa yam. Baye bonke abantu besiva, akuba ukumkani ebeyalela zonke inkosi ezo ngayo indawo ka‐Abasalome.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani wabawisela umthetho uYowabhi noAbhishayi noItayi, wathi, Mphatheni kakuhle umfana uAbhisalom, ngenxa yam. Beva bonke abantu ukubawisela kokumkani umthetho abathetheli ngenxa ka-Abhisalom.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wabawisela umthetho uYowabhi, noAbhishayi, noItayi, wathi, Yibani nenceba kumfana lowo, uAbhisalom, ngenxa yam. Beva ke bonke abantu ukuba ukumkani ubawisele umthetho abathetheli bonke ngoAbhisalom.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wabayalela ooJowabhi noAbhishayi kunye noItayi, wathi: “Nize nindincede niyiphathe kakuhle laa ntwana inguAbhasalom.” Loo myalelo kaDavide awayewubhekisa kwiinjengele weviwa ngawo onke amadoda omkhosi.