2 Samuel 19:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
no‐Abasalome, esibe simtambisa pezu kwetu, ufile ekulweni: ngako kaloku, kunganina ukuba niti cwaka ngokumbuyisa ukumkani?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ke uAbhisalom, esamthambisayo ukuba abe phezu kwethu, ufele emfazweni; ke ngoko nithele cwaka ni na, ukuba ningambuyisi nje ukumkani?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbhisalom, owasithambisayo ukuba abe ngukumkani, ufele edabini; Yini na ukuba ningathi, nimbuyise ukumkani?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbhasalom esamthambisa waba ngukumkani wethu, ngoku ufele edabini. Ke kutheni kuthe cwaka nje malunga nokuphuthunywa kukakumkani uDavide?”