2 Samuel 19:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku ukumkani u‐Davide watuma ku‐Tsadoki naku‐Abiyatare abaperisite, ukuti: Tetani kubo abadala bo‐Juda, nisiti: Yinina ukuba ningabokugqibela ukumbuyisela ukumkani endlwini yake? (ngokuba ukuteta kwama‐Sirayeli onke bekufikile kukumkani, endlwini yake:)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku ukumkani uDavide wathumela kuTsadoki nakuAbhiyatare ababingeleli, wathi, Thethani kumadoda amakhulu akwaYuda, nithi, Yini na ukuba nibe ngabokugqibela ekumbuyiseleni endlwini yakhe ukumkani, intetho yamaSirayeli onke ifikile nje kukumkani endlwini yakhe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathumela ukumkani uDavide kuTsadoki nakuAbhiyatare ababingeleli, esithi, Nothi kumadoda amakhulu akwaYuda, nithi, Yini na ukuba nibe ngabokugqibela ekumbuyiseni ukumkani endlwini yakhe? walibona ilizwi lamaSirayeli onke, waya kukumkani endlwini yakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani uDavide wathumela kooZadoki noAbhiyatare ababingeleli, wathi: “Thethani namadoda amakhulu akwaJuda nithi: ‘Kutheni nina nibe ngabokugqibela ukubuyisela ukumkani kwibhotwe lakhe? Kaloku okuthethwayo ngamaSirayeli onke kufikile kukumkani endlwini yakhe.