2 Samuel 19:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nize niti ku‐Hamasa: Akulitambo lam nenyama yam na wena? utixo makenje njalo kum, alekele ukwenje njalo kum, ukuba akuyi kuba yinkosi yomkosi pambi kwam imihla yonke esikundleni sika‐Jowabi!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nithi ke kuAmasa, Akulilo ithambo lam nenyama yam na?UThixo makenjenje kum, aqokele ukwenjenje, ukuba akuthe waba ngumthetheli womkhosi phambi kwam yonke imihla esikhundleni sikaYowabhi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuAmasa, Akulilo ithambo lam, nenyama yam na? Ngamana uThixo wandinika ukuba ungabi kufutshane nabantu bakowethu endaweni kaYowabhi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yithini kuAmasa mna naye siyazalana, yaye uThixo uya kuba nento andenzayo, nditsho nokuba iqatha kangakanani, ukuba andimenzi injengele yomkhosi wam yonke imihla yobomi bam esikhundleni sikaJowabhi.”