2 Samuel 19:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza watobela intliziyo yawo onke amadoda akwa‐Juda njengeyendoda inye; ada atuma kukumkani, esiti: Buya wena, nezicaka zako zonke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayitsala intliziyo yamadoda onke akwaYuda njengandoda-nye; athumela kukumkani athi, Buya wena, nabakhonzi bakho bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayitsala intliziyo yamadoda onke akwaYuda njengandoda-nye; Bathumela ke ilizwi kukumkani, bathi, Buya, wena nabakhonzi bakho bonke;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Loo mlomo kaDavide wazitsalela kuye iintliziyo zamadoda onke akwaJuda, aba mxhelo-mnye, aza athumela kukumkani athi: “Buyela ekhaya, wena kunye nabo bonke abantu abanawe.”