2 Samuel 19:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuwela umtantatu wokuweza abendlu yokumkani, nowokwenza okulungileyo emehlweni ake. Wandula u‐Shimehi unyana ka‐Gera wawa pambi kwokumkani, akuba ewelile i‐Yoredane,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwawela umkhombe wokuweza, ukuba uyiweze indlu yokumkani, wenze okulungileyo emehlweni akhe. UShimehi, unyana kaGera, wawa phambi kokumkani ekuweleni kwakhe eYordan,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wanduluka ngomkhombe, waya endlwini yokumkani, ukuba enze ngoko akubonileyo. uShimehi, unyana kaGera, wawa phambi kokumkani ekuweleni kwakhe iYordan;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bawuwela umlambo ukuya kuphuthuma iqela likakumkani, bancede nakuloo nto ukumkani afuna yenziwe. Kuthe xa ukumkani ezilungiselela ukuwela iJordan, weza uShimeyi, wazikhahlela phambi kwakhe,