2 Samuel 19:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwati usindiso ngalomhla lwaba lulilo kubo bonke abantu; ngokuba abantu bebesiva ngalomhla kusitwa: Ukumkani udandatekile pezu kwonyana wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Usindiso lwajika lwaba sisijwili ngaloo mini ebantwini bonke; ngokuba abantu beva ngaloo mini kusithiwa, Ukumkani wenza isijwili ngonyana wakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Usindiso lwaloo mini lwaba lusizi ebantwini bonke, ngokuba abantu beva ngaloo mini ukuba ukumkani wenze ububi ngonyana wakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mini uvuyo loloyiso lwajika lwaba lusizi kuwo wonke umkhosi kaDavide, kuba eva kusithiwa: “Ukumkani uzilile ngenxa yonyana wakhe.”