2 Samuel 19:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wapendula u‐Abishai unyana ka‐Tseruya, wati: Akayi kufiswa na u‐Shimehi ngenxa yoku, ukuba emqalekisile umtanjiswa kayehova?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula uAbhishayi unyana kaTseruya, wathi, UShimehi akayi kubulawa na ngalaa nto, ngokuba wamtsha bhisayo umthanjiswa kaYehova?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uAbhishayi unyana kaTseruya, wathi, Anditshongo na ukuthi, uShimehi akayi kubulawa, ngokuba wamtshabhisayo umthanjiswa kaYehova?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathetha uAbhishayi, unyana kaZeruya, wathi: “Makabulawe uShimeyi lo ngokuqalekisa umthanjiswa *kaNdikhoyo.”