2 Samuel 19:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko u‐Davide wati: Ndiyinto nina kuni, bonyana baka‐Tseruya! ukuba nibe namhla ningabalane kum? kwofiswa namhla na umntu kwa‐Sirayeli? ngokuba ndingazi na ukuba ndingukumkani namhla pezu kwo‐Sirayeli?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide, Yintoni na enam nani, nina nyana bakaTseruya, ngokuba ningabachasi bam namhla? Kukho mntu na kwaSirayeli apha uya kubulawa namhla? Ngokuba andazi yini na, ukuba ndingukumkani kwaSirayeli namhlanje?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide, Yintoni na enam nani, nyana bakaTseruya, ngokuba nide nibachase nje namhla? Kuya kubulawa mntu na kwaSirayeli namhla? kuba andiyazi na ukuba ndingukumkani wakwaSirayeli namhlanje?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wathi: “Yintoni endidibanisa nani, bonyana bakaZeruya? Kutheni le nto nifana neentshaba kum namhlanje? Kaloku ndim ngoku ukumkani wakwaSirayeli; ngoko ke akukho mSirayeli uya kubulawa namhlanje.”