2 Samuel 19:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wehla no‐Mefiboshete unyana ka‐Saule, ukuza kumkaulela ukumkani, engahlambanga inyawo zake, engacazanga udevu lwake, engahlanzanga ingubo zake, kwa semhleni wokumka kwokumkani kude kwangumhla lowo wabuya wafika ngoxolo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uMefibhoshete, unyana kaSawule, wehla waya kumkhawulela ukumkani, engazihlambanga iinyawo zakhe, engazichazanga iindevu zakhe, engazihlambanga neengubo zakhe, kususela kwimini yokumka kokumkani, kwada kwayimini yokufika kwakhe enoxolo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke uMefibhoshete, unyana kaSawule, wehla waya kumkhawulela ukumkani, akazilungisa iinyawo zakhe, engazichebi neendevu zakhe, engazihlambanga neengubo zakhe, kususela kwimini yokuhamba kokumkani, kwada kwayimini yokubuya kwakhe enoxolo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kufike uMefibhoshete, umzukulwana kaSawule, naye eze kukhawulela ukumkani. Wayengazange azihlambe iinyawo, achebe amabhovu, nezambatho sezawagqibela kudala amanzi, okoko wemkayo eJerusalem uDavide kude kuze kuba yile mini abuya noloyiso.