2 Samuel 19:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Nkosi yam, kumkani! isicaka sam sandikohlisa; ngokuba isicaka sako sibe sisiti: Ndiya kuzibopela iqwaṙashe, ndikwele pezu kwalo, ndiye kukumkani; ngokuba isicaka sako sisisiqwala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Nkosi yam kumkani, umkhonzi wam lowa undikhohlisile; ngokuba umkhonzi wakho lo undim ubesithi, Ndiya kuzibophela iesile, ndikhwele kulo, ndihambe nokumkani; ngokuba umkhonzi wakho lo undim usisiqhwala.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Nkosi yam, nkosi yam, umkhonzi wam undixokisile; ngokuba umkhonzi wakho lo undim ubesithi, Ndiya kulibophela iesile, ndikhwele kulo, ndiye kukumkani; ngokuba umkhonzi wakho lo undim.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uphendule ngelithi uMefibhoshete: “Mhlekazi, nkosi yam, uyazi ukuba ndisisiqhwala. Ndathi isicaka sam uZibha masibophe idonki ndihambe ngayo ndikukhaphe, kodwa sona sasuka sandiphoxa.