2 Samuel 19:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Sasihleba isicaka sako kuyo inkosi yam ukumkani; kodwa inkosi yam ukumkani injengengelosi katixo: ngako yenza okulungileyo emehlweni ako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wesuka yena wamhleba umkhonzi wakho lo undim enkosini yam ukumkani. Inkosi yam ukumkani injengesithunywa sikaThixo; yenza okulungileyo emehlweni akho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wahleba umkhonzi wakho enkosini yam ukumkani; kodwa ukumkani, nkosi yam, unjengesithunywa sikaThixo; wenze ke ngoko kulungileyo emehlweni akho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Saza kuxoka ngam kuwe, mhlekazi. Kambe ke wena mhlekazi, nkosi yam, usisithunywa sikaThixo – yenza loo nto ubona ifanele.