2 Samuel 19:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bonke abendlu kabawo bebengamadoda okufa kupela pambi kwenkosi yam ukumkani: noko umisile isicaka sako pakati kwabo abadlayo ngasetafileni yako. Ndisenegunya lanina, ukuba ndikale kanjako kuye ukumkani?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba yonke indlu kabawo ibingento yimbi enkosini yam ukumkani, ibingabantu bokufa; wena wambeka umkhonzi wakho lo undim phakathi kwabadla etafileni yakho. Ndisenabango lini na ke, ndisenakukhala ngantoni na kukumkani?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba yonke indlu kabawo yafa phambi kwenkosi yam ukumkani; kanti wena umbekile umkhonzi wakho phakathi kwabadla etafileni yakho. Liliphi ilungelo endisenalo lokubiza ukumkani?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi umzi kabawo umelwe kukubulawa, wena wathi mandiye kuhlala kwakho. Andisenako nokuba ndibe sacela isisa kuwe ngoku, mhlekazi.”