2 Samuel 19:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Barezilai ebemdala kakulu, engominyaka imashumi asibozo: yena ebemfunzele ukumkani nxa abehlala e‐Mahanayime; ngokuba ebeyindoda enkulu kunene.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke uBharzilayi ebeyingwevu enkulu, eminyaka imashumi asibhozo ezelwe. Yena ebemxhasile ukumkani ekuhlaleni kwakhe eMahanayim; ngokuba ebengumntu omkhulu kunene.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uBharasileyi ebemdala kakhulu, eminyaka imashumi asibhozo ezelwe; kuba wayeyindoda enkulu kakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayesele eyinkonde emashumi asibhozo ubudala. Wayesisityebi, esoloko emondla ukumkani ngokuya wayeseMahanayim.